L
 INENEKAZI elineempawu zokuphumelela. Wayengafuni ukungenela amakhuphiswano oonobuhle kuba engenakujamelana nokuphuma kwindawo yesibini okanye yesithathu - yena ufuna ukuphuma kwindawo yokuqala lowo nguZandile Mqadi wakwaZulu-Natal . Wayezimisele ukuba abe ngumntu okhokelayo.
Kodwa, Zandi uza kubabetha
nokuba kunjani na, utshilo uThulile
Miya ongumhlobokazi wakhe odlamkileyo.
UZandile ukhe wathandabuza. Ngaba uThuli udlala ngaye?
Ndisoloko ndikoyika ukungena ukhuphiswano kuba andikuthandi ukubethwa ngomnye umntu, utshilo uZandile onelizwi lokuba ngumlonjikazi, noko ongathandi kutyityimba okwenzwakazi. Ndisoloko ndifuna ukuphuma kwindawo yokuqala kodwa
ndayekiswa ngokungahle kwenzeke ndiphume kwindawo yesibini okanye yesithathu okanye ndingade ndifike nje kwisithathu sokuqala
UZandile unenkolo yokuba unesizathu esivakalayo sokukhathazeka. Ukhe waphuma kwindawo yokuqala ngokuba nguMiss Friends Forever Youth Club ngo-1996. Kunyaka olandelayo waphuma kwindawo yesithathu kukhuphiswano lukaMiss Ndukwenhle High School kwaza kunyaka ophelileyo wazuza amabhaso entuthuzelo kukhuphiswano lukaMiss Durban Technical College .
Kodwa uThulile uzingisile ekumcengeni exambulisana naye lo waye ungqinwe enyanisile. Umhlobo amthandayo uZandile uneqhayiya lokuba nguMiss Jam Alley kulo nyaka, ukuphumelela uninzi lweentwazana ezingangaye ebezikunqwenela - malunga ne-10 000 abanye abangeneleyo bebenelo themba. Bekululoyiso lwesibini loonobuhle bakwaZulu-Natal emva kokuba uHeather Hamilton weza nentshinga kaMiss SA kweli phondo.
Abahlobo bakaZandile
Abahlobo
kubalisa uBONGANI KA LUKHELE
kufote uMUSA HLABANE
BAKHOLO oko
lmbambano ekhokelele ekuwongweni abe nguMiss Jam Alley Omtsha
46 BONA XHOSA -  March 2000


nezalamane abawakholelwanga amehlo abo xa bambona kumabonaklude ephumelele ngoOktobha kukhuphiswano oluthandiwayo  naseThekwini kuba bamnqwenelela ukuba aphumelele kwiifayinali .
UZandile naye akazange angenzi zinzame. Ebengalindele nokuba ithamsanqa lizizele nje. Endaweni
yoko uthe bhukuqu wabopha amabande kokubini ngokwasemzimbeni angokwasengqondweni elindele lifayinali .
Ndenze konke obekufuneka, ndingazibonanga ndiswele kuba ndingenguye oweAgency zabaModelayo, utshilo ehleka. Ngoncedo lomsakwethu  uWinnie ndandiqhelisela phantse mini nganye.
Amazwi akhe anika ithemba andinika ifuthe xa ndizijonga esipilini ndiprekthiza egumbini Iam lokulala, ndandisithi Zandile, eli lithuba lokuba uqaqambe ibe uza kwenjenjalo.
Ndathandaza ngamandla, kuba ndiyakholwa. Ndabukela iividiyo zokhuphiswano Ionobuhle kuquka nolukaMiss South Africa . linkqubo endizithanda kumabonakude yimidlalo ethatha ithuba elide, kodwa ndaqinisekisa ukuba ndibukela iindaba ndikwafunda namaphephandaba ukwandisa ulwazi endinalo.
Ukuzithemba kukaZandile kumbangele wadibana nakhuphisana nabo kwingokuhlwa engaphambi kweefayinali .
Ndikhe ndanexhala xa ndadibana nezinye iintwazana - zonke zintle.
Umoya wam waba phantsi, ndathethela phantsi. Kodwa umoya wam wanikwa ifuthe noko xa ndaqonda ukuba ndiyenye yeentwazana noko ezinde:
Kodwa kungekudala kukho akuphumeziIeyo okwamxelela kwamnceda akwazi ukuqonda kwangethuba.
Kwandinika ithemba xa ndaphuma phambili kwicandelo apho isithathu se-10 labafikelele kumanqam Iazuza isivumelwano sokuModela sonyaka. Ndaqonda kwakhona ukuba abagwebi umdlali wodumo kwiGenerations uSeIlo  KaNcube , okhe wanguMiss SA uKerishine Naicker noYusef Asmal weNext Modelling Agency , bavuyiswa yindlela endibukeka ngayo, uncumo lwam, ubuntu bam,
Ikumkanikazi entsha - uZandile Mqadi, ophambanise abagwebi,  ufote neenzwakazi eziphumelele naye uMerese Baker (ophume kwindawo yesibini) noMbali Dladla (ophume kwindawo yesibini).






Ndlelantle ntombazana uElaine Maroos ucondoba okokugqibela nje ngekumkanikazi yeJam Alley nabasasazi uPushie Dunn noNimrod Nkosi. Babonisa ngeevita Awards enikezwe uJam AlIey ngokuba yeyona nkqubo imnandi yolutsha.
Abebezokuvuyisana noZandile
-udadewabo uWinnie (ekhohlo\ nomhlobo kaThulile umkhuthazile.
THEMBA
NTSHINGILA


ekucaciseleni ulutsha ngocelo-mngeni oluyingozi njengentsholongwane yeAIDS nokungaqeshwa. nolujamelane nalo kule nkulungwane intsha. Ukwathanda ukutyelela amaziko entlalo-ntle achithe ixesha neenkedama nabantwana abalahliweyo.
Yena ukwalangazelela ukuba alandele ekhondweni labanye oonobuhle aze abe ngumsasazi kumabonakude, okothusayo mhlawumbi umsasazi amthandayo kumabonakude ngonegama elifana nelakhe osasaza kuSABC1 uZandi Nhlapo. Kodwa loo msebenzi kofuneka ungene phakathi kokuzama ukuba abe nguMiss SA nomnqweno wakhe wokuba nendawo yokulungisa oonobuhle.
lgama lakhe elithi Zandile lithetha ukuba anele amantombazana ngoku: kuba unina uElda uzale amantombazana amathathu elandelelana enethemba lokufumana inkwenkwe. Umthandazo wakhe waphendulwa ngokuzuza uZandile, ngowesine kusapho olunamantombazana amathathu namakhwenkwe amabini waza walekelwa yinkwenkwe. Kodwa uZandile ukwazile ukubangela abakowabo baziwe
Ngowuphi oyena umhle kunabo bonke? umdlali kaGenerations uSello Maake KaNcube, owayesakuba nguMiss SA uKerishnie Naicker noYusuf Asmal weNext Modelling Agency babenethuba elinzima bengabagwebi kolu khuphiswano.



Abasasazi beTake 5 uJohanna Hlabanta noGloria Moshoeshoe.


Oops Majema Sizokonwaba
nani, utsho uNonkululeko
Mohate noThembisile
Ncube.


UElizabeth noRobert Vithi, uFaith Moshe noLittle Khuno Moshe bathabathekite bubuhle bezi nzwakazi.

indlela endikrelekrele ngayo, ubuhle nesidima sam, utshilo enoncumo.
Kodwa kwangaxeshanye uZandile uye wathulula iinyembezi zovuyo nokukhululeka xa kwathiwa unguMiss Jam Alley 2000. Oku kuthethe ukuba ugoduka neTV iiwotshi ezimbini, iimveliso zokunonophela iinwele, iselula ,  netikiti lokukhwela inqanawa - kodwa ukwazimisele ukusebenzisa le ntshinga ekuzaziseni xa kuthethwa ngokumodela .
Ndipase idiploma in cosmetology eDurban Technical College nyakenye nesi sivumelwano sokuModela sifike ngexesha elihle lomsebenzi wam wokumodela . Ndiyathemba ndiza kude ndizinze kwezodumo: utshilo eqhula.
Kodwa ke uZandile akalideleli ingomso uzimisele ukusebenzisa impembelelo yakhe
U

 MBONO WOKUQALA 
ndwalutho uAndy Cole xa ehambahamba ngentseni ebandayo kwizitrato zaseHarare ibe kukubona abantwana bezifudumeza ngeekhadibhodi kwiindawo ezithutha kuyo iibhaso, kwiipavemente nakwiminyango

50 BONA XHOSA - March 2000
yeevenkile ,
Ukuba lo mfaki-manqaku weManchester United eNgilani bekufuneka ecengiwe amkele imbangi yaba bantwana ababona bezama ukuphila kwezi zitrato beqhaqhazel amazinyo ngokuqinisekileyo
ebengakhetha bomi bumbi. Kodwa nakuba ukhenketho lukaCole
lugagane neziganeko ezihle zokunyusa ingxowa-mali ukhethile ukuchitha ixesha lakhe kunye nabo emeko yabo ibangelwe yimfazwe nezifo ezidlakaze loo nqila, nokona kubuhlungu gqitha

